Alt Text

Gqabaza kwisiphakamiso sokukhululwa kweendawo ezikhethiweyo kwimfuneko zo Mthetho weSizwe weZibonelelo zeLifa leMveli (NHRA)

Isixeko saseKapa kunye ne Lifa leMveli leNtshona Koloni (HWC) babiza ukhwelo lwezimvo ngesindululo sokukhulula iindawo ezisikelweyo kwiimfuno zeCandelo lama-34 nelama-38 uMthetho 25 ka-1999 (NHRA). ILifa leMveli leNtshona Koloni liya kuqwalasela ukuphunyezwa kwala macandelo alandelayo oMthetho weSizwe weZibonelelo zeLifa leMveli, 25 ka-1999 (NHRA): 
 
  • Icandelo 34(3): Ukukhululwa kweendawo ezithile ekuthotyelweni kwecandelo 34(1) le NHRA. Isiphumo sokukhululwa sichaza ukuba akuyokufuneka kuphinde kufakwe izicelo phantsi kwemiqathango ye Candelo 34(1) zokuvumela ukutshintsha okanye adilize isakhiwo kwezindawo zichaziweyo. 
  • Icandelo 38(9): Ukukhululwa kweendawo ezithile ekuthotyelweni kwecandelo 38(1) le NHRA. Isiphumo sokukhululwa sichaza ukuba akuyokufuneka kuphinde kuthunyelwe izazisi kwaba semagunyeni phantsi kwemiqathango yeCandelo 38(1) kwezindawo zichaziweyo.
Qhubeka

Bona iinkcukacha ezithe vetshe malunga nendawo nganye ephakanyiselwa ukukhululwa ngokukhetha kwezi ndlela zingezantsi.

Lento imalunga nantoni?

Ingqwaliselo yesicwangciso sokuphumeza iSikhokelo soPhuhliso lwesithili esiManyanisiweyo seSixeko saseKapa kunye neNkqubo-sikhokelo yoLawulo lokusiNgqongileyo (DSDF-EMF, 2023) kukuphanda iindlela zokukhuthaza uphuhliso kunye nokuhlengahlengisa iinkqubo zezicelo zophuhliso kwiindawo ekujoliswe kuzo, oko kukuthi, iiNdawo ekuGxilwe kuzo kuPhuhliso kunye neeNdawo ekugxilwe kuzo kwiNkxaso yeDolophu (i-DFAs kunye ne-USFAs, ngokulandelelanayo). Ngokwe Candelo lama-34 kunye neCandelo lama-38 le-NHRA

  • Nawuphi na umntu ofuna ukutshintsha okanye ukudiliza isakhiwo esidala ngaphezu kweminyaka engamashumi anesithandathu kufuneka afake isicelo kwi-HWC sivunywe (iCandelo lama-34) phambi kokwenza oko.
  • Nabani na oceba ukuphuhlisa isakhiwo okanye izakhiwo ezithi ziphembelele inkqubo yoVavanyo lweMpembelelo yeLifa leMveli (iCandelo lama-38) kufuneka agcwalise isaziso senjongo yokuphuhlisa, kwaye ngokuxhomekeke kwisiphumo sesaziso, unokufuneka ukuba enze uphando olufanelekileyo lweengcali zelifa lemveli ukuze avavanye iimpembelelo ezingalunganga ezinokubakho kwilifa lemveli.

I-NHRA ikwabonelela ngokukhululwa kwiimfuno zeCandelo lama-34 nelama-38 kummandla weendawo ezichaziweyo. Ukuba yamkelwe, akukho zimvume zelifa lemveli ngokwemigaqo ye-Candelo 34 kunye ne-Candelo 38 ezifunekayo kwindawo/kwiindawo ezichaziweyo emva kokupapashwa kwesaziso kwiGazethi yePhondo. ISebe loCwangciso lweDolophu noYilo lweSixeko saseKapa ngentsebenziswano neSebe loLawulo lokusiNgqongileyo kunye neLifa leMveli kunye neqela elichongiweyo leengcaphephe zelifa lemveli liqhube uphando ngemimandla yokukhululwa kwi-NHRA. 

Ngokuxhomekeke kwisiphumo sophando, isicelo siya kungeniswa kwiHWC ukuze kubekho inani lezibonelelo zelifa lemveli ezifanelekileyo ezibekwe kwiRejista yeLifa leMveli. Esi sicelo siquka ukukhululwa kwiimfuno ze-Candelo 34 kunye ne-Candelo38 kwiindawo ezichaziweyo nezi ezikhethiweyo ezikwiNdlela iVoortrekker, kwakunye nezi zilandelayo:
 
  • Atlantis 
  • Airport Industria
  • Flamingo 
  • Kuils River 
  • Mitchells Plain 
  • Ottery/Lansdowne

Qhagamshelana nathi

Unakho ukuphawula kwisicelo ngasinye ngokukhetha indawo kolu khetho lungentla. Ukuba ufuna uncedo ukusebenzisa le webhusayithi, nceda uqhagamshelane kwezi nkcukacha.

iMeyile

heritageexemptions@infinityenv.co.za

iNombolo yomnxeba

Iiyure zeofisi: 021 834 1602

Whatsapp

+27 60 524 7676